34 Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde.
35 Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo.
36 Wayesithi, Abha,* Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.
37 Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda noko lilinye na ilixa?
38 Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
39 Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi.
40 Uthe akubuya, wabafumana bebuye balala; kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo; baye bengazi into abangamphendula yona.