63 Usuka ke umbingeleli omkhulu azikrazule iingubo zakhe, athi, Sisawafunelani na amangqina?
64 Nikuvile ukunyelisa; kunjani kuni nina?Bamgweba ke bonke ukuba unetyala lokuba afe.
65 Yaqala inxenye ukumtshicela, nokumgqubuthela ubuso, nokumntlitha, nokuthi kuye, Profeta; ayé amadindala emtywakraza.
66 Kuthi ke, akubon' ukuba uPetros usentendelezweni ngezantsi, kuze omnye umkhonzazana wombingeleli omkhulu, ambone uPetros esotha,
67 ondele kuye, athi, Nawe ubunaye uYesu waseNazarete.
68 Wakhanyela ke esithi, Andiyazi, andiyiqondi kanye into oyithethayo wena. Waphuma waya phandle kwengaphambili intendelezo; yalila ke inkuku.
69 Umkhonzazana ubuye wambona, waqala ukuthi kwabo babemi khona, Lo ngowakubo.