17 amambathise ngebomvu; alùke isithsaba sameva, amthi jize ngaso, aqale ukumbulisa, athi,
18 Aa! Kumkani wamaYuda!
19 Ayembetha entloko ngengcongolo; ayemtshicela; ayeguqa ngamadolo, aqubude kuye.
20 Athi akuba edlale ngaye, amhluba ebomvu, amambathisa kwaezakhe iingubo; amrholela phandle, ukuze ambethelele emnqamlezweni.
21 Anyanzela umhambi othile, uSimon waseKirene, evela ephandleni, lowo nguyise ka-Alesandire noRufo, ukuba awuthwale umnqamlezo wakhe.
22 Amzisa endaweni yeGologota, oko kukuthi ngentetho evakalayo, yindawo yokakayi.
23 Ayemnika iwayini enemore,* ukuba ayisele; kodwa akayamkelanga.