24 Athi akumbethelela emnqamlezweni, abelana ngeengubo zakhe, esenza amaqashiso ngazo, ukuze uthile athabathe ethile.
25 Ke kaloku, laye ililixa lesithathu, abambethelela ngalo emnqamlezweni.
26 Waye umbhalo wetyala lakhe ubhalwe ngaphezulu, kwathiwa, UKUMKANI WAMAYUDA.
27 Kwaye kubethelelwe naye eminqamlezweni izihange zizibini, esinye ngasekunene, esinye ngasekhohlo kwakhe.
28 Sazaliseka ke eso sibhalo sithi, Wabalelwa kwabachasene nomthetho.
29 Baye abadlulayo bemnyelisa, behlunguzela iintloko zabo, besithi, Uha! Wena uchitha itempile, uyakhe ngeentsuku ezintathu,
30 zisindise, uhle emnqamlezweni.