38 Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.
39 Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo.
40 Kwaye ke kukho nabafazi, bekhangele bemgama; kubo apho wayenguMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome;
41 ababesithi, oko ebeba kwelaseGalili, bamlandele, bamlungiselele; nabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem.
42 Kuthe sekuhlwile, ekubeni ibiyimini yokulungiselela, oko kukuthi ngumhla ophambi kwesabatha,
43 kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu.
44 Wamangaliswa ke uPilato kukuba selefile. Ebizele kuye umthetheli-khulu, wambuza ukuba uselenexesha na efile.