1 Yakubon' ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise.
2 Bathi kwakusasa kakhulu, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, liphumile ilanga.
3 Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba?
4 Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye; kuba belilikhulu kakhulu.
5 Bakungena engcwabeni, babona indodana ihleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende, emhlophe; baqhiphuka umbilini.
6 Ithi ke yona kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile, akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo.