10 Waya yena wabikela ababenaye, bakubon' ukuba bakhedamile, bayalila.
11 Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, àbakholwa.
12 Emveni koko ke, wabonakaliswa ngesinye isimo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni.
13 Nabo baya babikela abanye; àbakholwa nangabo.
14 Kamva wabonakalaliswa kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo; ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.
15 Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.
16 Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.