4 Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe.
5 Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho.
6 Kwaye ke kukho apho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi,
7 Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo?
8 Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu?
9 Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Ùzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe?
10 Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (uthi konedumbe),