3 yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela;
4 kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba.
5 Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba;
6 ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela.
7 Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo.
8 Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye.
9 Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve.