12 Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu.
13 Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa.
14 Ke kaloku wakúva oko ukumkani uHerode (kuba igama lakhe lalithe laduma); wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye.
15 Baye abanye besithi, NguEliya; baye ke abanye besithi, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti.
16 Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo.
17 Kuba uHerode ngokwakhe wabethé wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umzalwana wakhe; kuba ebemzekile.
18 Kuba wayesithi uYohane kuHerode, Akuvumelekile ukuba ube nomfazi womzalwana wakho.