33 Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye.
34 Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi.
35 Kuthi kwakubon' ukuba seyihambile kakhulu imini, beze kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu;
36 bándulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo.
37 Waphendula wathi kubo, Bapheni nina badle. Bathi kuye, Símke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo* ezimakhulu mabini, sibaphe badle?
38 Úthi ke yena kubo, Izonka eninazo zingaphi na? Hambani niye kukhangela. Besazi, bathi, Zihlanu, neentlanzi ezimbini.
39 Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza.