44 Baye abo babezidla izonka ezo bekumawaka omahlanu amadoda.
45 Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena.
46 Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni.
47 Ke kaloku, kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, waye yena eyedwa emhlabeni.
48 Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesiné ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo.
49 Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka.
50 Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.