48 Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesiné ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo.
49 Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka.
50 Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.
51 Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa;
52 kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile.
53 Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni.
54 Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko abantu;