20 Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu;
21 kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezibi, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala,
22 oobusela, ookubawa, okungendawo, iinkohliso, uburheletyo, umona, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda;
23 zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu.
24 Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungàziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko.
25 Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe;
26 yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo.