25 Kuba yathi yakumva intokazi entombazana ibinomoya ongcolileyo, yafika yawa ezinyaweni zakhe;
26 yaye ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenikikazi ngokuzalwa. Yacela kuye ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo.
27 Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni.
28 Yaphendula ke yathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana.
29 Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho.
30 Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesingqengqelo.
31 Uthe wabuya waphuma emideni yaseTire neyaseTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli.