33 Wasishenxisa esihlweleni sasodwa, wafaka iminwe yakhe ezindlebeni zaso, wathi etshicile,
34 wachukumisa ulwimi lwaso, wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuso, Efata, oko kukuthi, Vuleka.
35 Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa.
36 Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi.
37 Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Úzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.