31 Waqala ukubafundisa, okokuba uNyana woMntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi emveni kweentsuku ezintathu abuye avuke.
32 Elo zwi wayelithetha ngokungafihlisiyo. UPetros wamthabathela kuye, waqala ukumkhalimela.
33 Uthe ke yena, ejikile, wabakhangela abafundi bakhe, wamkhalimela uPetros, esithi, Suka uye emva kwam, Sathana;* ngokuba ungàzinyamekeli ezikaThixo izinto, unyamekele ezabantu.
34 Esibizele kuye isihlwele, kwanabafundi bakhe, wathi kubo, Osukuba ethanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele ke.
35 Kuba othe wathanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke yena othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, wowusindisa.
36 Kuba komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, waza wonakalelwa ngumphefumlo wakhe?
37 Okanye worhola ntoni na umntu, ibe sisananelo somphefumlo wakhe?