6 Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele.
7 Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo.
8 Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe.
9 Ke kaloku abo babesidla ngathi babemawaka mané; wabandulula.
10 Wangena kwaoko emkhombeni, nabafundi bakhe, weza emacaleni aseDalmanuta.
11 Baphuma abaFarisi baqala ukubuzana naye, befuna kuye umqondiso ovela emazulwini, bemlinga.
12 Encwinile kanzulu ngomoya wakhe, athi, Yini na ukuba esi sizukulwana singxamele umqondiso? Inene ndithi kuni, Unakanye ukuba sinikwe umqondiso esi sizukulwana.