13 Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.
14 Akufika kubafundi, wabona isihlwele esikhulu sibaphahlile, nababhali bebuzana nabo.
15 Sathi kwaoko sonke isihlwele sakumbona saqhiphuka umbilini; beza kuye ngokubaleka, bambulisa.
16 Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo?
17 Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo;
18 apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethé kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa.
19 Amphendule ke yena athi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum.