3 Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako.
4 Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu.
5 Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi,* kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya.
6 Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu.
7 Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.
8 Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo.
9 Ke kaloku, bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu.