1 Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange.
2 Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu.
3 Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe, azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona.
4 Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe.
5 Ke owasemzini azingemlandeli; zosuka zimbaleke, ngokuba zingalazi izwi labasemzini.
6 Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo.
7 Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu.