20 Yayisithi ke into eninzi kuwo, Únedemon, úyageza; yini na ukuba nimphulaphule?
21 Abanye babesithi, La mazwi asingawo awophethwe yidemon: idemon ingaba inako yini na ukuvula amehlo emfama?
22 Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika.
23 Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni* kaSolomon.
24 Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu,* sixelele ngokuphandle.
25 Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam.
26 Nina anikholwa, kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.