25 Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam.
26 Nina anikholwa, kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.
27 Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;
28 mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.
29 UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.
30 Mna noBawo sibanye.
31 Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube.