27 Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;
28 mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.
29 UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.
30 Mna noBawo sibanye.
31 Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube.
32 Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi kuyo?
33 Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulubeli msebenzi mhle, sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ùngumntu nje, usuke uzenze uThixo.