10 Ke ukuba umntu uthi ahambe ebusuku, uyakhubeka; ngokuba ukukhanya kungekho kuye.
11 Wazithetha ezi zinto; aze emveni koko athi kubo, ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse.
12 Bathi ngoko abafundi bakhe, Nkosi, ukuba ulele, wósinda.
13 Ke yena uYesu ubethetha ukufa kwakhe. Bona ke bebeba uthetha ngokulala ubuthongo.
14 Wandula ngoku uYesu wathi kubo ngokungafihilisiyo, ULazaro ufile.
15 Ndiyavuya ke ngenxa yenu, ukuba ndibé ndingekho khona, ukuze nikholwe. Noko ke masiye kuye.
16 Uthe ngoko uTomas, okuthiwa nguDidimo, kubafundi kunye naye, Masiye nathi, ukuze sife naye.