42 Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma.
43 Etshilo ke, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma.
44 Waphuma ofileyo, ebotshiwe iinyawo nezandla ngezithandelo, nobuso bakhe bujikelwe ngeqhiya. Athi kubo uYesu, Mkhululeni, nimyeke ahambe.
45 Ithe ngoko into eninzi kumaYuda, ebizé kuMariya, yakuzibona izinto azenzileyo uYesu, yakholwa kuye.
46 Ke abathile kuwo bemka baya kubaFarisi, babaxelela izinto azenzileyo uYesu.
47 Bahlanganisa ngoko ababingeleli abakhulu nabaFarisi intlanganiso yamatyala, bathi, Senza ntoni na? Ngokuba lo mntu wenza imiqondiso emininzi.
48 Ukuba sithe samyeka ngokunje, bonke baya kukholwa kuye; athi ke amaRoma eze, athimbe indawo yethu, kwanohlanga lwethu.