1 UYesu ngoko, kwiintsuku ezintandathu eziphambi kwayo ipasika,* weza eBhetani, apho ebekhona uLazaro owayefile, awamvusayo kwabafileyo.
2 Ngoko bamenzela isidlo khona, waye uMarta elungiselela; uLazaro ke ebengomnye wabo babehleli naye besidla.
3 Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi* engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo.
4 Uthi ngoko omnye umfundi wakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo ubeza kumngcatsha,