3 Wathabatha ke uMariya iponti yamafutha aqholiweyo enadusi* engangxengelelweyo, exabiso likhulu; wathambisa iinyawo zikaYesu, wazisula iinyawo zakhe ngeenwele zakhe; yazala ke indlu livumba lamafutha lawo aqholiweyo.
4 Uthi ngoko omnye umfundi wakhe, uYuda Sikariyoti, okaSimon, lowo ubeza kumngcatsha,
5 Bekungani na ukuba la mafutha aqholiweyo angàthengiswa ngeedenariyo* ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu?
6 Watsho ke, kungengakuba ebekhathalele mahlwempu; watsho kuba ebelisela, inaye ingxowa, ziphathwa nguye izinto ezifakwa kuyo.
7 Uthe ngoko uYesu, Myeke; uwalondolozele imini yokungcwatywa kwam.
8 Kuba amahlwempu la nihleli ninawo; mna ke anihleli ninam.
9 Yathi ngoko indimbane enkulu yakumaYuda yakwázi ukuba ulapho; yeza kungengenxa kaYesu yedwa, yeza ukuze ibone noLazaro, lowo wamvusayo kwabafileyo.