39 Ngenxa yoku babengenako ukukholwa, ngokuba uIsaya ubuya athi,
40 Úwamfamekisile amehlo abo,Uyiqaqadekisile nentliziyo yabo,Hleze babone ngamehlo, baqiqe ngentliziyo,Bajike,Ndibaphilise.(UIsaya 6:9,10)
41 Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye.
42 Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini;
43 kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.
44 Ke yena uYesu wadanduluka wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo.
45 Lowo undibonayo, ubona owandithumayo.