12 Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni?
13 Nina ukundibiza nithi ndinguMfundisi, nithi ndiyiNkosi; niyalungisa ukutsho, kuba kunjalo.
14 Ngoko ke, ukuba ndizihlambile iinyawo zenu mna, ndíyiNkosi, ndínguMfundisi, nani nifanele ukuhlambana iinyawo.
15 Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenzé ngako mna kuni.
16 Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe, namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo.
17 Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.
18 Andithethi ngani nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.