15 Kuba ndininike umzekelo, ukuze nani nenze, njengoko ndenzé ngako mna kuni.
16 Inene, inene, ndithi kuni, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe, namthunywa umkhulu kunalowo umthumileyo.
17 Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.
18 Andithethi ngani nonke; ndiyabazi abo mna ndibanyulileyo; oko kwenzeke ukuze isibhalo sizaliseke, esithi, Lowo udla isonka nam, undiphakamisele isithende sakhe.
19 Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye.
20 Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; lowo wamkela mna ke, wamkela owandithumayo.
21 Ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.