19 Ndiqala kwangoku ukunixelela kungekehli, ukuze, xa kuthe kwehla, nikholwe ukuba ndinguye.
20 Inene, inene, ndithi kuni, Lowo wamkela endithe ndamthuma, wamkela mna; lowo wamkela mna ke, wamkela owandithumayo.
21 Ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.
22 Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na.
23 Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu.
24 Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na.
25 Àyamile ke yena esifubeni sikaYesu, uthi kuye, Nkosi, nguwuphi na?