6 Uza ke kuSimon Petros; athi yena kuye, Nkosi, zihlánjwe nguwe na iinyawo zam?
7 Waphendula uYesu, wathi kuye, Endikwenzayo mna akukwazi wena okwangoku; kodwa wokuqonda kamva.
8 Athi uPetros kuye, Akusayi kuzihlamba iinyawo zam, naphakade. Umphendule uYesu, wathi, Ukuba andithanga ndikuhlambe, akunasabelo nam.
9 Athi uSimon Petros kuye, Nkosi, mazingabi ziinyawo zam zodwa, mazibe zizandla nentloko.
10 Uthi uYesu kuye, Kulowo uhlanjiweyo akusafuneki nto, selikukuhlanjwa kweenyawo zodwa; úhlambulukile kwaphela; nani ke nihlambulukile, kodwa aninjalo nonke.
11 Kuba ebemazi lowo umnikelayo; ngenxa yoko wathi, Anihlambulukile nonke.
12 Ngoko, xeshikweni ebezihlambile iinyawo zabo, wazithabatha iingubo zakhe, wabuya wahlala phantsi, wathi kubo, Niyayazi na into endiyenzileyo kuni?