4 Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na?
5 Bamphendula bathi, UYesu umNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Wabemi ke nabo uYuda, lowo umngcatshayo.
6 Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni.
7 Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, UYesu umNazarete.
8 Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke;
9 ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye.
10 Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene; laye igama lomkhonzi lowo linguMalko.