11 Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.
12 Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi.
13 Yayikufuphi ke ipasika* yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem.
14 Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli.
15 Wenza iziniya ngemizí, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile;
16 wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.
17 Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye.