19 Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.
20 Athi ke ngoko amaYuda, Yayiminyaka imashumi mané anesithandathu nje isakhiwa le tempile, ke wena woyivusa ngeentsuku ezintathu na?
21 Yena ke wayethetha ngetempile yomzimba wakhe.
22 Ke ngoko, xenikweni wavukayo kwabafileyo, bakhumbula abafundi bakhe, ukuba ebekuthethile oku kubo, bakholwa sisibhalo nalilizwi awalithethayo uYesu.
23 Ke kaloku, akubon' ukuba useYerusalem epasikeni, emthendelekweni, into eninzi yakholwa kulo igama lakhe, ibona imiqondiso yakhe abeyenza.
24 Ke yena uYesu akaziyekelanga kubo, ngenxa yokuba ebazi bonke;
25 nangokuba bekungafuneki kuye, ukuba kungqine bani ngaye umntu, kuba ubekwazi yena okungaphakathi komntu.