6 Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate* ezimbini nantathu.
7 Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bayizalisa ke, yada yee cike.
8 Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke.
9 Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni.
10 Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.
11 Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.
12 Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi.