8 Ke kaloku abanye abafundi beza ngomkhonjana (kuba bebengemgama emhlabeni, ngathi bebekubhite* zimakhulu mabini), bewuzizilizisa umnatha weentlanzi.
9 Bathi ngoko, bakuwelela emhlabeni, babona umlilo wamalahle ukhona, nentlanzi ikuwo, nesonka.
10 Athi uYesu kubo, Zisani kwezo ntlanzi nizibambise ngokunje.
11 Wangena emkhombeni uSimon Petros, wawutsalela emhlabeni umnatha, uzele ziintlanzi ezinkulu, zilikhulu elinamanci mahlanu anantathu; nakuba bezingako njalo, awujacekanga umnatha.
12 Athi uYesu kubo, Yizani nomule. Akubangakho namnye ke kubafundi waba nabuganga bakumbuza esithi, Ùngubani na? besazi nje ukuba yiyo iNkosi.
13 Uza ke uYesu, asithabathe isonka, abanike, ayenjenjalo nentlanzi.
14 Oku sekukokwesithathu ezibonakalalisa uYesu kubafundi bakhe, evukile kwabafileyo.