26 Beza kuYohane, bathi kuye, Rabhi,* lowa wayenawe phesheya kweYordan, umngqinela, yabona, yena uyabhaptiza; beza kuye ke bonke.
27 Waphendula uYohane wathi, Akanakwamkela nto umntu, engayinikwanga ivela emazulwini.
28 Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu* mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe.
29 Lowo unomtshakazi ngumyeni; isihlobo ke somyeni, esimiyo simve, sivuya kunene ngenxa yezwi lomyeni; ngoko olu luvuyo lwam luzalisekile.
30 Yena umelwe kukuthi ande, ndinciphe ke mna.
31 Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo uphuma emhlabeni ungowasemhlabeni, ethetha okwasemhlabeni. Lowo ungowasemazulwini ungaphezu kwabo bonke;
32 akubonileyo ke wakuva, úyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe.