28 Nani ngokwenu niyandingqinela ukuba ndathi, Andinguye uKristu* mna; ndathi, Ndithunyiwe phambi kwakhe.
29 Lowo unomtshakazi ngumyeni; isihlobo ke somyeni, esimiyo simve, sivuya kunene ngenxa yezwi lomyeni; ngoko olu luvuyo lwam luzalisekile.
30 Yena umelwe kukuthi ande, ndinciphe ke mna.
31 Lowo uvela phezulu ungaphezu kwabo bonke; lowo uphuma emhlabeni ungowasemhlabeni, ethetha okwasemhlabeni. Lowo ungowasemazulwini ungaphezu kwabo bonke;
32 akubonileyo ke wakuva, úyakungqina oko; akukho bani ubamkelayo ubungqina bakhe.
33 Lowo ubamkeleyo ubungqina bakhe, utywine waqinisela ukuthi, uThixo uyinyaniso;
34 kuba lowo ùthunywe nguThixo, uthetha amazwi kaThixo; kuba uThixo akamniki uMoya ngomlinganiselo.