3 Waphendula uYesu wathi kuye, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha, akanakububona ubukumkani bukaThixo.
4 Uthi uNikodemo kuye, Angáthini na umntu ukuzalwa emdala? Angaba nako yini na ukungena okwesibini esizalweni sonina azalwe?
5 Waphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuwe, Ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya, akanakungena ebukumkanini bukaThixo.
6 Okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe nguMoya kungumoya.
7 Musa ukumangaliswa kukuba ndithe kuwe, Nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha.
8 Umoya uphepheza apho uthanda khona, ùze usive isandi sawo, kodwa ungawazi apho úvela khona, nalapho úsinga khona: bakwanjalo bonke abazelwe nguMoya.
9 Waphendula uNikodemo wathi kuye, Zingáthini na ezi zinto ukuba nokubakho?