8 Umoya uphepheza apho uthanda khona, ùze usive isandi sawo, kodwa ungawazi apho úvela khona, nalapho úsinga khona: bakwanjalo bonke abazelwe nguMoya.
9 Waphendula uNikodemo wathi kuye, Zingáthini na ezi zinto ukuba nokubakho?
10 Waphendula uYesu wathi kuye, Wena, úngumfundisi nje wakwaSirayeli, akuzazi na ezi zinto?
11 Inene, inene, ndithi kuwe, Sithetha esikwaziyo, singqine esikubonileyo; nisuke ningabamkeli ubungqina bethu.
12 Ukuba ndinixelele izinto ezisemhlabeni, naza ànakholwa, nòthini na ukukholwa, ukuba ndithe ndanixelela izinto ezisemazulwini?
13 Akukho namnye unyukileyo waya emazulwini, ngulowo yedwa wehla ephuma emazulwini, uNyana woMntu, lowo usemazulwini.
14 Njengokuba ke uMoses wayiphakamisayo inyoka entlango (iNum. 21:9), umelwe kukuphakanyiswa ngokunjalo uNyana woMntu;