16 Athi uYesu kuyo, Hamba uye kubiza indoda yakho, uze apha.
17 Yaphendula intokazi yathi, Andinandoda. Athi uYesu kuyo, Ùlungisile ukuthi, Andinandoda;
18 kuba ubunamadoda amahlanu; onayo ngoku asindoda yakho, ùnyanisile ukutsho.
19 Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena.
20 Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona.
21 Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo.
22 Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo; ngokuba usindiso luphuma kumaYuda.