33 Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla?
34 Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.
35 Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisené, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe.
36 Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade, ukuze nalowo uhlwayelayo avuye, kunye nalowo uvunayo.
37 Kuba likulé nto ilizwi eliyinyaniso, eli lithi, Omnye uyahlwayela, nomnye avune.
38 Mna ndanithuma ukuvuna oko ningabulalekanga kuko nina; abanye babulalekile, naza nangena nina ekubulalekeni kwabo.
39 Ke kaloku, kwakholwa kuye into eninzi yamaSamariya kuloo mzi, ngenxa yelizwi lentokazi leyo, yangqinayo yathi, Úndityele izinto zonke endakha ndazenza.