40 Akufika ngoko kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo; wahlala khona ke imihla emibini.
41 Into eninzi yakholwa ngakumbi ngenxa yelizwi lakhe.
42 Kanjalo babesithi kwintokazi leyo, Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho, kuba sizivele thina ngokwethu, sazi ukuba, inyaniso, lo unguye uMsindisi wehlabathi, uKristu*.
43 Ke kaloku, emveni kwemihla emibini leyo, waphuma khona, wemka waya kwelaseGalili.
44 Kuba uYesu ngokwakhe wangqina, ukuba umprofeti akanambeko kowabo.
45 Xenikweni ngoko wafikayo kwelaseGalili, bamamkela abaseGalili ababezibonile zonke izinto awazenzáyo eYerusalem emthendelekweni; kuba babeyile nabo emthendelekweni.
46 Wabuya ngoko weza uYesu eKana yelaseGalili, apho amanzi ebewenze iwayini. Kwaye kukho igosa lakomkhulu elithile, elinyana wayesifa eKapernahum.