51 Ke kaloku, akubon' ukuba uselesihla, izicaka zakhe zamhlangabeza, zambikela zisithi, Umntwana wakho uhleli.
52 Wabuza ngoko kuzo ilixa aqale ukuchacha ngalo; zathi kuye, Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina.
53 Wazi ngoko uyise, ukuba bekukwangelo lixa abethe ngalo uYesu kuye, Unyana wakho uhleli; wakholwa, yena nendlu yakhe iphela.
54 Lo mqondiso ke wesibini wawenza uYesu, eselephumile kwelakwaYuda, weza kwelaseGalili.