1 Emveni kwezi zinto, kwaye kukho umthendeleko wamaYuda, wenyuka uYesu waya eYerusalem.
2 Ke kaloku kukho eYerusalem apho, ngakwelezimvu isango, ichibi, ekuthiwa ukubizwa yiBhetesda ngesiHebhere, lineevaranda* ezintlanu.
3 Kwakulele kuzo inkitha eninzi yemilwelwe: iimfama, iziqhwala, abome umzimba, belinde ukuzanyazanyiswa kwamanzi.
4 Kuba isithunywa sezulu ngaxesha lithile besisihla, singene echibini, siwagxobhagxobhe amanzi; lowo ngoko ubethe angene tanci emva kokugxojwagxojwa kwamanzi, ubephila nakusiphi na isifo abebanjwe siso.
5 Ke kaloku, bekukho mntu uthile apho, ubeminyaka imashumi mathathu anesibhozo engumlwelwe.
6 UYesu embona lowo elele, esazi ukuba uselenexesha elikhulu enjalo, uthi kuye, Ùyafuna na ukuba uphile?