39 Ziphengululeni* izibhalo, ngokuba nina niba ninobomi obungunaphakade kuzo; zaye zona zingqina ngam.
40 Nibe ke nina ningathandi ukuza kum, ukuze nibe nobomi.
41 Andamkeli luzuko bantwini.
42 Ndiyanazi nina, ukuba uthando lukaThixo aninalo ngaphakathi kwenu.
43 Mna ndizé egameni likaBawo, anindamkeli; ukuba omnye uthe weza ngelilelakhe igama, nomamkela yena.
44 Ningathini na ukuba nako ukukholwa, nisamkelela uzuko omnye komnye nje nina, nibe uzuko lona oluvela kuThixo yedwa ningalufuni?
45 Ningàbi ndiya kunimangalela kuBawo mna; ukho onimangalelayo, uMoses, lowo nimthembileyo nina.