5 Ke kaloku, bekukho mntu uthile apho, ubeminyaka imashumi mathathu anesibhozo engumlwelwe.
6 UYesu embona lowo elele, esazi ukuba uselenexesha elikhulu enjalo, uthi kuye, Ùyafuna na ukuba uphile?
7 Waphendula umlwelwe wathi, Nkosi, andinamntu wokuthi, xa athe agxojwagxojwa amanzi, andiphose echibini. Kuthi ke, ndakubon' ukuba mna ndiyaya, ndiphangelwe ngomnye ukuhla.
8 Athi uYesu kuye, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe.
9 Usuke kwaoko waphila umntu, waluthabatha ukhuko lwakhe, wahamba.Ke kaloku kwakuyisabatha loo mini.
10 Ayesithi ke amaYuda kophilisiweyo, Yisabatha; akuvumelekile ukuba uthwale ukhuko lwakho.
11 Wawaphendula wathi, Owandiphilisayo, nguye owathi kum, Thabatha ukhuko lwakho, uhambe.