15 Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni yena yedwa.
16 Ke kaloku, kuthe kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle.
17 Bengenile ke emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum; kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo.
18 Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu.
19 Bakuba ngoko begweqile izitadiya* ezingathi zimashumi mabini anazihlanu, nokuba mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esiza kubo kufuphi nomkhombe; basuka boyika.
20 Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika.
21 Babethanda ngoko ukumamkelela emkhombeni; waza kwaoko umkhombe waba semhlabeni lowo babesiya kuwo.